INTO EMELE UKWAZIWA NGUMSEBENZI NGAMNYE MALUNGA NEMPILO NOKHUSELEKO KWINDAWO YOKUSEBENZA
Esi sikhokelo sabhalwa ngenjongo yokukhathalela impilo nokhuseleko lwabasebenzi eMzantsi Afrika. Asijonganga ukungena endaweni yoMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini wowe-1993. Sijonge ukuchaza uMthetho siwenze lula, sisebenzisa isigama esingesiso esasemthethweni kubo bonke abo bakwezempilo nokhuseleko emsebenzini eMzantsi Afrika.
Indima yabahloli bezempilo nokhuseleko beSebe lezoMsebenzi ichaziwe. Imisebenzi namalungelo abasebenzi njengoko zonke ezo zinto zichaziwe kuMthetho, zandlaliwe apha. Iindima noxanduva lwabaqeshi, olwemizi-mveliso, olwabayili, olwabarhwebi abangenisa impahla elizweni ekuqinisekiseni impilo nokhuseleko zizinto ezo ezikhankanyiweyo. Okokugqibela ke , imisebenzi yabameli bezempilo nokhuseleko kwaneyeekomiti ngokunjalo icacisiwe.
UMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini, 1993 ,ufuna ukuba umqeshi enze kwaye agcine kangangoko anako indawo yokusebenza ekhuselekileyo kwaye enganamngcipheko empilweni yabasebenzi. Oku kuthetha ukuba umqeshi kufuneka aqinisekise ukuba indawo yokusebenza ayinazo izinto eziyingozi njengebhenzini, iklorini, izinto ezincinci eziphilayo, izixhobo, iinkqubo njalo njalo, ezinokudala ukwenzakala, umonakalo okanye isifo. Apho oku kungakwazi ukwenzeka, umqeshi makaxelele abasebenzi ngezi ngozi, ukuba zinganqandwa njani, nendlela yokusebenza ngokukhuselekileyo kwaye athathe namanyathelo okwenza indawo yokusebenza ibe yekhuselekileyo.
Phofu ke, akulindelwanga ukuba umqeshi aluthwale yedwa uxanduva lwempilo nokhuseleko. UMthetho usekwe phezu komthetho-siseko othi iingozi kwindawo yokusebenza kufuneka zijongwe ngonxibelelwano nentsebenziswano phakathi kwabasebenzi nomqeshi. Abasebenzi nomqeshi mababelane ngoxanduva lwezempilo nokhuseleko kwindawo yokusebenza.Omabini la maqela kufuneka ashukume aphawule iingozi kwaye aphuhlise namanyathelo okulawula ezi ngozi ukwenza indawo yokusebenza ibe yekhuselekileyo. Ngale ndlela, umqeshi nabasebenzi babandakanyeka kumxokelelwano apho abameli bezempilo nokhuseleko bangayihlola indawo yokusebenza rhoqo baze banike ingxelo kwikomiti yezempilo nokhuseleko, eya kuthi yona ingenise iingcebiso kumqeshi. Ukuze kube nokuqinisekwa ukuba lo mxokelelwano uyasebenza, umsebenzi ngamnye kufuneka awazi amalungelo nemisebenzi yakhe equlethwe kuMthetho.
UMthetho neMimiselo
UMthetho owaziwa ngokuba nguMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini wowe-1993 (uMthetho wama-85 wowe-1993) unamacandelo angama-50 avunywe yiPalamente. Injongo yalo Mthetho kukulungiselela impilo nokhuseleko lwabantu emsebenzini okanye ngokunxulumene nokusetyenziswa koomatshini. Kwakhona ulungiselela ukhuselo lwabantu ngaphandle kwabo basemsebenzini kwiingozi ezivela okanye ezinxulumene nemisebenzi yabantu emsebenzini.
Imimiselo eyahlukeneyo engezihloko ezithile iyafakelwa apha kuMthetho amaxesha ngamaxesha nguMphathiswa wezeMisebenzi.
UMthetho okanye iMimiselo ingathengwa kwiziko lokuShicilela likaRhulumente ikwiGazethi okanye yenziwe incwadi kubapapashi ngabapapashi.
ISebe lezeMisebenzi
ICandelo loMlawuli Jikelele eliyiNtloko lezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini
UMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini ulawulwa liCandelo loMlawuli Jikelele eliyiNtloko lezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini leSebe lezeMisebenzi.
Ukuqinisekisa impilo nokhuseleko lwabasebenzi, kusekwe ii-ofisi zamaphondo kuwo onke amaphondo. Kude kube ngoku, abahloli bezempilo nokhuseleko kwezi ofisi zamaphondo bayahlola benze nophando kwiindawo zokusebenza.
Ukuhlola
Ukuhlola kudla ngokucwangciswa ngokwengqikelelo-manani engozi, ubukho bezinto eziyingozi njengebhenzini kwiindawo zokuhlamba impahla, ukusetyenziswa kwezixhobo eziyingozi kwindawo yokusebenza. Kwelinye icala uhlolo ulungacwangciswanga ludla ngokuvela kwizicelo okanye kwizikhalazo zabasebenzi, ezabaqeshi okanye zikawonke-wonke. Ezi zikhalazo okanye izicelo zithathwa njengeziyimfihlo.
Amagunya abahloli
Ukuba umhloli ufumana iimeko eziyingozi okanye ezingalunganga kwindawo yokusebenza, angabeka izinto eziyimfuneko kumqeshi ngezi ndlela zilandelayo:
Isaziso sokuthintela
Kwimeko yengozi eyoyikisayo, umhloli angathintela inyathelo elithile, inkqubo okanye ukusetyenziswa komatshini okanye izixhobo ngokubeka isaziso sokuthintela. Akukho mntu omakangakukhathaleli okuqulethwe sisaziso esinjalo kwaye ukuthotyelwa kwaso kufuneka kuqale ngoko nangoko.
Isaziso solwaphulo
Ukuba igatya lommiselo lophulwe, umhloli anganika abasebenzi okanye umqeshi isaziso solwaphulo. Ulwaphulo loMthetho lungazala ukumangalelwa ngoko nangoko, kodwa kwimeko apho kophulwe ummiselo, umqeshi anganikwa ithuba lokuba alungise ulwaphulo olo ngexesha elithile elichazwe kwisaziso elidla ngokuba ziintsuku ezingama-60.
Isaziso sokuphucula
Apho amanyathelo ezempilo nokhuseleko asetyenziswa ngumqeshi engabakhuseli ngokwanelisayo abasebenzi, umhloli angafuna umqeshi ukuba eze namanye amanyathelo asebenzayo. Isaziso sokuphucula esimisela amanyathelo alungiisweyo sinikwa umqeshi.
Amanye amagunya
Ukwenzela ukuba umhloli akwazi ukwenza umsebenzi wakhe, angangena nakuyiphi indawo yokusebenza apho kusetyenziswa oomatshini okanye izinto ezinobungozi abuze okanye akhuphe umyalelo wokuba abo bantu mababonane naye. Umhloli angacela ukuba nawaphi na amaxwebhu angeniswe kuye, kwaye futhi aphande aze enze iikopi zamaxwebhu, kwaye afune inkcazelo ngazo naziphi na izinto ezikuloo maxwebhu. Umhloli angahlola nayiphi imeko okanye into athathe iisampulu zayo kwaye athimbe nayiphi into enokusebenza njengobungqina.
Izinto eziyimfanelo ezimele kwenziwa ngabaqeshi kubasebenzi
Kumele umqeshi enze ntoni ukuqinisekisa ukuba imeko-bume yasemsebenzini ikhuselekile kwaye ayinamngcipheko ngokubhekiselele empilweni yabasebenzi bakhe?
Umqeshi kufuneka anike kwaye agcine emgangathweni zonke izixhobo ezifunekayo xa kusenziwa umsebenzi, kwimeko engasayi kuchaphazela impilo nokhuseleko lwabasebenzi, kunye nemixokelelwano yonke ehamba nomsebenzi lowo kufuneka wenziwe. Phambi kokuba kusetyenziswe izixhobo zokhuselo ezizezomntu, umqeshi kufuneka kuqala azame ukususa okanye anciphise nayiphi na ingozi kwimpilo nakukhuseleko lwabasebenzi bakhe. Kuxa oku kungasebenzi, apho kunokuthi kusetyenziswe izixhobo ezizezomntu zokhuselo. Umqeshi kufuneka athathe amanyathelo okukhusela impilo nokhuseleko lwabasebenzi bakhe kwiingozi ezinokubangelwa yimveliso, kukwenziwa kwezinto, kukusetyenziswa, ukuphathwa, ukugcinwa okanye kukuhanjiswa kwezinto , ngamanye amagama nayiphi na into abasebenzi abanokuhlangana nayo emsebenzini.
Ukuqinisekisa ukuba ezi zinto ziyimfanelo ziyenziwa, umqeshi kufuneka:
aphawule izinto ezingayingozi ezikhoyo ngeli xesha kwenziwa umsebenzi, xa kuveliswa , kusenziwa, kusetyenziswa, kugcinwa okanye kuhanjiswa into, kwaye kusetyenziswa nasiphi isixhobo aseke amanyathelo asisilumkiso afunekayo ukukhusela abasebenzi bakhe kwiingozi eziphawuliweyo kwaye alungise neendlela zokuphumeza la manyathelo asisilumkiso.
anike ulwazi, imiyalelo uqeqesho nohlolo olufunekayo ngeli xa agcine engqondweni ubuchule babasebenzi. Ngamanye amagama azazi izinto abanokuzenza nezo banokungazenzi.
angavumeli nawuphi na umntu ukuba enze umsebenzi wakhe ngaphandle kokuba amanyathelo asisilumkiso athathiwe athathe amanyathelo aqinisekisa ukuba wonke umntu ophantsi kolawulo lwakhe uyahzithobela iimfuno zoMthetho anyanzelise amanyathelo afunekayo olawulo ngokubhekiselele kwimpilo nokhuseleko abone ukuba umsebenzi owenziwayo nezixhobo ezisetyenziswayo ziphantsi kweliso lomsebenzi oqeqeshiweyo ukuba aziqonde iingozi ezinxulumene nomsebenzi umsebenzi onjalo kufuneka aqinisekise ukuba amanyathelo asisilumkiso aphunyeziwe kwaye agciniwe
Bonke abasebenzi banelungelo lokwaziswa
Umqeshi kufuneka abone ukuba umsebenzi ngamnye uxelelwe kwaye uyaziqonda iingozi zempilo nokhuseleko zomsebenzi owenziwayo,nantoni na eveliswayo, eyenziwayo, esetyenziswayo, egciniweyo, ephethweyo okanye ehanjisiweyo kwaye naziphi na izixhobo okanye umatshini osetyenziswayo. Umqeshi kufuneka ke anike ulwazi ngamanyathelo asisilumkiso ngezi ngozi.
Umqeshi kufuneka azise abameli bezempilo nokhuseleko xa umhloli emazisa ngohlolo okanye ngophando omaluqhutywe kwindawo yokusebenza. Umqeshi kufuneka kwakhona azise abameli bezempilo nokhuseleko nangasiphi na isicelo sokukhululwa okanye naluphi na ukhululo alunikiweyo ngokwemigqaliselo yoMthetho. Ukhululo luthetha ukukhululwa kumagatya athile oMthetho, emimiselo, ezaziso okanye emiyalelo ekhutshwe phantsi koMthetho.
Umqeshi kufuneka ngokukhawuleza azise abameli bezempilo nokhuseleko ngesehlo esenzeke kwindawo yokusebenza. Isehlo sisiganeko esenzeka emsebenzini apho umntu athi abhubhe, enzakale okanye agule. Kwakhona kukuchitheka kwekhemikhali enobungozi, umzekelo, xa itanki livuza ifomaldehayidi (ikhemikhali esetyenziswa kurhwebo)ngenxa yesivalo esinesiphene, okanye apho oomatshini bangalawulekiyo, bengabulalanga okanye bengenzakalisanga mntu.
Izinto eziyimfanelo emazenziwe ngabemizi-mveliso, abayili, abangenisi bempahla, abathengisi okanye abaniki ngokubhekiselele ekusetyenzisweni kwezinto emsebenzini
Impahla
Abemizi-mveliso, abayili, abangenisi bempahla, abathengisi nabaniki kufuneka baqinisekise ukuba:
impahla zabo zikhuselekile kwaye azinamngcipheko kwimpilo nakukhuseleko kwaye zihambiselana nazo zonke iimfuno ezimiselweyo xa kumiswa isakhiwo okanye impahla nakweyiphi na indawo,kufuneka yenziwe ngendlela apha engasayi kudala imeko engakhuselekanga okanye umngcipheko kwimpilo
Izinto
Abemizi-mveliso, abayili, abangenisi bempahla, abathengisi nabaniki bazo naziphi na izinto kufuneka baqinisekise ukuba:
izinto ezinjalo zikhuselekile kwaye azinamngcipheko kwimpilo xa zisetyenziswa kakuhle ulwazi lukhona-
ngokusetyenziswa kwento emsebenzini ngomngcipheko wempilo nokhuseleko olunxulumene nento leyo ngeemeko ezifunekayo ukuqinisekisa ukuba into ikhuselekile kwaye ayinamngcipheko kwimpilo xa isetyenziswe kakuhle ngeenkqubo emazilandelwe kwimeko yengozi
Ukuba umntu othengiselwe impahla okanye into uyabhala ukuba uza kuthatha amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba impahla okanye into iza kuhlangabezana nazo zonke iimfuno ezimiselweyo kwaye iya kukhuseleka kwaye ayinamngcipheko kwimpilo kwaye iimfanelo ezimele kwenziwa ngumngenisi wempahla, ngumyili, ngumthengisi, ngumniki okanye ngowomzi-mveliso ziya kutshintshela kuloo mntu uza kuthatha loo manyathelo.
Izinto eziyimfanelo emazenziwe ngumsebenzi
Yimfanelo yomsebenzi ukuba:
akhathalele impilo nokhuseleko lwakhe kwakunye nabanye abantu abangachaphazeleka ngamanyathelo akhe okanye kukungakhathali kwakhe. Oku kuquka ukudlala emsebenzini. Abantu abaninzi benzakele kwaye abanye babhubha ngokudlala amahashe emsebenzini, kwaye oko kuthathwa njengolwaphulo olunzima apho uMtheho ubeka imfanelo okanye izinto eziyimfuneko kumsebenzi ukuba asebenzisane nomqeshi anike ulwazi / inkcazelo kumhloli ophuma kwiSebe lezeMisebenzi ukuba angalufuna aqhube nawuphi na umyalelo osemthethweni omiselwe ngumqeshi okanye ngumntu ogunyazisiweyo ngokubhekiselele kwimpilo okanye kukhuseleko ahambiselane nemithetho neenkqubo emazilandelwe azinikwa ngumqeshi anxibe impahla zokhuseleko ezimiselweyo okanye asebenzise izixhobo zokhuseleko apho kufunekayo axele kumqeshi okanye kummeli wezempilo nokhuseleko iimeko ezingakhuselekanga okanye ezingalunganga ngokwasempilweni ngoko nangoko ukuba uye wasengozini engachaphazela impilo yakhe okanye imenzakalise, axele eso sehlo kumqeshi nakumntu ogunyazisiweyo okanye ummeli wezempilo nokhuseleko ngoko nangoko kodwa lingekapheli ixesha lomsebenzi
Amalungelo omsebenzi
UMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini uwandisile amalungelo abasebenzi ukuba aquke noku kulandelayo:
Ilungelo lokufumana ulwazi
Umsebenzi kufuneka afikelele koku-
uMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini nemimiselo imithetho neenkqubo emazilandelwe kwindawo yokusebenza imigangatho yempilo nokhuseleko emayigcinwe ngumqeshi kwindawo yokusebenza.
Umsebenzi angacela umqeshi ukuba amazise-
ngeengozi zempilo nokhuseleko kwindawo yokusebenza amanyathelo asisilumkiso amakathathwe iinkqubo emazilandelwe ukuba umsebenzi uye wasesichengeni sezinto eziyingozi kwimpilo
Umsebenzi angacela ugqirha wakhe wangasese ukuba aphande ngokubasesichengeni kwakhe nangemeko yempilo.
Ukuba umsebenzi ngummeli wezempilo nokhuseleko, angaphanda kwaye enze amagqabantshintshi abhaliweyo ngovavanyo lokuba sesichengeni neengxelo zokuhlola.
Ilungelo lokuthatha inxaxheba kuhlolo
Ukuba umntu ungummeli wezempilo nokhuseleko, angakhapha umhloli wezempilo nokhuseleko ophuma kwiSebe lezeMisebenzi ngexesha lohlolo lwendawo yokusebenza kwaye aphendule nayiphi na imibuzo umhloli anokuyibuza.
Ilungelo lokwenza amagqabantshintshi ngowiso-mthetho kwanokunika inkcazelo
Umsebenzi angenza amagqabantshintshi okanye anike inkcazelo nangawuphi na ummiselo okanye umgangatho wokhuseleko opapashwe phantsi koMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini.
Ilungelo lokungenziwa ixhoba
Umqeshi akanakugxotha umsebenzi kwinkonzo yakhe, athobe umvuzo womsebenzi okanye anciphise iimeko zenkonzo yomsebenzi kuba-
umsebenzi unike inkcazelo/ ulwazi obelufunwa kuye ngokwemigqaliselo yoMthetho kumntu onikwe igunya lokulawula uMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini umsebenzi uthobele isaziso esisemthethweni, (umzekelo, isithintelo, isaziso solwaphulo, njalo njalo)
umsebenzi wenze into ngokwemigqaliselo yoMthetho ebekumele yenziwe umsebenzi akayenzanga into ngokwemigqaliselo yoMthetho engavumelekanga umsebenzi unike ubungqina phambi kweNkundla yezeMisebenzi okanye kwinkudla yomthetho ngemibandela ebhekiselele kwimpilo nokhuseleko
Ilungelo lokubhena
Uxanduva lokungaphazamisi okanye lokungazisebenzisi kakubi izinto
Akukho mntu omakaphazamise okanye asebenzise kakubi nayiphi na into elungiselelwe impilo nokhuseleko. Umzekelo, umntu akanakususa isithinteli-ngozi ematshinini aze asebenzise umatshini okanye avumele nawuphi na omnye umntu ukuba awusebenzise ngaphandle kwesithinteli-ngozi.
Abameli bezempilo nokhuseleko
Ngoobani abameli bezempilo nokhuseleko?
Ngabasebenzi abasigxina abonyulwe okanye abakhethwe ngokubhalwa phantsi ngumqeshi emveni kokuba umqeshi nabasebenzi bebonisene kwaze kwafikwa kwisivumelwano sokuba ngoobani na abaza kuba ngabameli bezempilo nokhuseleko. Kwakhona kufuneka baqhelane neemeko zaloo ndawo bonyulelwe yona kwindawo yokusebenza. Kufuneka kufikelelwe nakwisigqibo sexesha lengqesho nemisebenzi yommeli wezempilo nokhuseleko kwaye kufuneka kuvunyelwane ngayo ngumqeshi nabasebenzi.
Kufuneka konyulwe abameli bezempilo nokhuseleko abangaphi?
Ummeli kufuneka onyulelwe indawo yokusebenza enabasebenzi abangama-20 nangapgezulu. Ngoko ke xa abasebenzi beli-19 akukho mfuneko yokuba konyulwe ummeli.
Kwiimeko yeevenkile nee-ofisi, ummeli omnye kufuneka onyulelwe abasebenzi abali-100 okanye inxalenye yabo. Umzekelo, ummeli makonyulwe kwimeko apho abasebenzi bangama-21 ukuya kwi-100. Kodwa abameli ababini kufuneka bonyulwe apho abasebenzi abaqeshiweyo bali-101 ukuya kuma-200 njalo njalo.
Kwimeko yezinye iindawo zokusebenza, kufuneka konyulwe ummeli abe mnye omele abesebenzi abangama-50 okanye inxalenye yabo. Umzekelo, ummeli makabe mnye kwimeko apho abasebenzi bangama-21 ukuya kuma-50. Kodwa makonyulwe abameli ababini apho abasebenzi abaqeshiweyo bangama-51 ukuya kwi-100 .
Ngokuxhomekeka kwiimeko, umhloli angafuna konyulwe abanye abameli nokuba inani labasebenzi lingaphantsi kwama-20. Umzekelo, ukuma komatshini kungenza ukuba ukonyulwa kommeli omnye kungabeneli abasebenzi abangama-50. Umhloli angafuna konyulwe abameli abaninzi. Phofu ke, ukuba umqeshi nabaseebnzi bayavumelana, kungonyulwa abameli abangaphezulu kwenani elimiselweyo.
Kufuneka bonyulwe nini abameli bezempilo nokhuseleko?
Kufuneka abameli bonyulwe kwisithuba seenyanga ezine emveni kokuqala kweshishini lomqeshi. Umqeshi onabasebenzi abangaphezu kwama-20 neshishini lakhe elisebenze ngaphantsi kweenyanga ezine, akukho mfuneko yokuba onyule abameli. Umzekelo, kwimeko apho kuqeshwe abasebenzi basefama bexesha elithile, ukuze loo nto yenze inani labasebenzi lidlule kuma-20 kwithuba elingaphantsi kweenyanga ezine, akuyomfuneko ukuba konyulwe abameli.
Kufuneka abameli bezempilo nokhuseleko bayenze nini imisebenzi yabo?
Yonke imisebenzi ebhekiselele kulonyulo, ukusebenza nokuqeqeshwa kwabameli, kufuneka yenziwe ngeeyure zesiqhelo zomsebenzi.
Bangenza ntoni abameli bezempilo nokhuseleko?
Abameli bezempilo nokhuseleko bamele ukwenza oku kulandelayo:
Uphicotho lwezempilo nokhuseleko
Abameli bangahlola impumelelo yamanyathelo ezempilo nokhuseleko ngophicotho lwezempilo nokhuseleko.
Ukuphawula iingozi ezinokubakho
Abameli bangaphawula iingozi ezinokubakho kwindawo yokusebenza baze bazixele kwikomiti yezempilo nokhuseleko okanye kumqeshi.
Ukuphanda izehlo
Abameli kunye nomqeshi bangaphanda izehlo, baphande ngezikhalazo kubasebenzi ezibhekiselele kwimibandela yezempilo nokhuseleko baze banike ingxelo ebhaliweyo.
Ukunika inkcazelo
Abameli banganika inkcazelo kumqeshi okanye kwikomiti yezempilo nokhuseleko ngokubhekiselele kukhuseleko kwindawo yokusebenza okanye ukuba oko akuphumeleli banike inkcazelo kumhloli.
Ukuhlola
Ngokubhekiselele kuhlolo, abameli-
bangahlola indawo yokusebenza emva kokwazisa umqeshi ngohlolo olo bangathatha inxaxheba kwiingxoxo nabahloli kwindawo yokusebenza baze bakhaphe abahloli xa behlola bahlole amaxwebhu ngemvume yomqeshi bakhatshwe ngumcebisi onobuchule ngexesha lohlolo
Ukuya kwiintlanganiso zekomiti
Abameli bangaya kwiintlanganiso zekomiti yezempilo nokhuseleko
Iikomiti zezempilo nokhuseleko
Yintoni injongo yeekomiti zezempilo nokhuseleko?
Amalungu ayahlangana ngenjongo yokuqalisa, ukukhuthaza, ukugcina nokuphonononga amanyathelo okuqinisekisa impilo nokhuseleko lwabasebenzi.
Kufuneka zisekwe nini iikomiti zezempilo nokhuseleko?
Kufuneka ebuncinaneni kusekwe ikomiti ibenye xa konyulwe abameli ababini okanye ngaphezulu.
Inamalungu amangaphi ikomiti yezempilo nokhuseleko?
Umqeshi nguye omisa inani lamalungu ekomiti, ekuseka oko koku kulandelayo:
ukuba kusekwe ikomiti enye yendawo yokusebenza, bonke abameli mababe ngamalungu aloo komiti ukuba kusekwe iikomiti ezimbini okanye ngaphezulu kwindawo yokusebenza, ummeli ngamnye makathi ebuncinanaeni abe lilungu lenye yezo komiti.
Ngoko ke, ilungu ngalinye kufuneka libe lilungu lekomiti. Umqeshi angonyula abanye abantu ukuba bammele kwikomiti kodwa abo bonyulwa akufunekanga babe ngaphezulu kwenani labameli abonyulwe kuloo komiti. Ukuba phofu, umhloli unoluvo lokuba inani leekomiti kwindawo yokusebenza alenelanga, kufuneka amisele ukusekwa kwezinye iikomiti.
Bahlangana kangaphi abameli bezempilo nokhuseleko?
Bahlangana nanini xa kufuneka, kodwa ebuncinaneni kanye emva kweenyanga ezintathu. Indawo nexesha zimiswa yikomiti. Phofu ke, ukuba i-10 lepesenti okanye ngaphezulu labasebenzi licela intlanganiso kumhloli, umhloli angayalela ukuba intlanganiso enjalo iqhutywe kwindawo nangexesha elimiswe nguye.
Ngubani omisa inkqubo emayilandelwe entlanganisweni?
Amalungu ekomiti onyula usihlalo aze amisele ixesha lakhe esesikhundleni, iinkqubo zentlanganiso njalo njalo.
Iikomiti zezempilo nokhuseleko ingaba zingazifuna iingcebiso kwiingcali?
Ewe, iikomiti zingabafaka abantu njengamalungu acebisayo ngenxa yolwazi nobungcali kwimiba yezempilo nokhuseleko. Phofu ke, ilungu elicebisayo alinalungelo lakuvota.
Zenza ntoni iikomiti zezempilo nokhuseleko?
Iikomiti zijongana nemiba yezempilo nokhuseleko kwindawo yokusebenza kuphela okanye kumacandelo asekelwe ezo komiti. Iikomiti zezempilo nokhuseleko zinale misebenzi ilandelayo nje ngokubanzi:
Ukunika iingcebiso
Ikomiti mayinike iingcebiso kumqeshi ngempilo nokhuseleko lwabasebenzi. Apho ezi ngcebiso zingakhokeleli ekusombululeni umbandela, ikomiti ingazinika umhloli ezo ngcebiso.
Ukuxoxa ngezehlo
Ikomiti mayixoxe nangasiphi isehlo esikhokelela kukwenzakala, ingozi, ukubhubha komsebenzi nawphi na kwaye bangamnika ingxelo ebhaliweyo umhloli ngeso sehlo.
Ukugcina iingxelo
Ikomiti kufuneka igcine ingxelo yayo yonke ingcebiso enikwe umqeshi kwanengxelo enikwe umhloli.
Eminye imisebenzi
Amalungu ekomiti kufuneka enze nayiphi eminye imisebenzi ekufuneka eyenzile ngokommiselo.
Ukuphungulwa
Umqeshi akanakuphungula umvuzo womsebenzi ngokubhekiselele kwinto ekufuneka eyenzile ehambiselana nempilo nokhuseleko ngokwemigqaliselo yoMthetho.
Ingxelo eya kuMhloli oyiNtloko ngokubhekiselele kwizifo emsebenzini
Ukuba ugqirha uxilonga kanye unyanga umntu isifo akrokrela ukuba usifumene engqeshweni, ugqirha kufuneka ayixele loo meko kumqeshi womsebenzi nakuMhloli oyiNtloko.
Intsebenziswano nomhloli
Ukuthobela nezikhokelo, iisamani, izicelo okanye imiyalelo
Abaqeshi nabasebenzi kufuneka bathobele izikhokelo, iisamani, izicelo nemiyalelo yabahloli. Kwakhona, akufunekanga kubekho umntu onqanda abanye ukuba bangathobeli.
Ukuphendula imibuzo
Kufuneka imibuzo yomhloli iphendulwe kodwa akukho mntu onyanzelekileyo ukuba aphendule umbuzo anokuthi ngawo kanti uyazimangalela. Ukuzimangalela kuthetha ukuba uzibeka ityala lokwaphula umthetho.
Uphando
Xa umhloli efuna , kufuneka anikwe olo ncedo alufunayo ukuze aqhube uphando. Umhloli usenokucela ukuba kuziwe kuphando. Akukho mntu unokuthuka umhloli okanye aluphazamise ngabom uphando.
Ukumangalelwa/ ukutshutshiswa
Xa umsebenzi esenza into ngokwemigqaliselo yoMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini ethathwa njengetyala, umqeshi unoxanduva lelo tyala kwaye unokufunyaniswa enetyala aze agwetywe ngaphandle kokuba:
akakhange anike imvume yakhe uwathathe onke amanyathelo afanelekileyo ukunqanda oko umsebenzi akakhange asebenze ngokobuchule bakhe, ngamanye amazwi umsebenzi wenze into ayaziyo ukuba ebengamele kuyenza.
Oku kungasentla kuyasebenza nakogunyaziswe ngumqeshi, umzekelo, kumenzi womsebenzi, ngaphandle kokuba amaqela avumelene kwangaphambili ngokubhala phantsi ukuba lowo ugunyazisiweyo uya kuwathobela njani na amagatya oMthetho.
Uncedo oluvela kumhloli
Abahloli kungaqhakamshelwana nabo kwezi ofisi zamaphondo zeSebe lezeMisebenzi:
IPhondo loMntla
Mpumalanga
Mntla Ntshona
Mntla Koloni
Ntshona Koloni
I-adilesi kaNdlunkulu yeCandelo eliyiNtloko lezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini
